By Anita Qubula
Abasebenzisi beendlela eMpuma Koloni balunyukiswe ukuba baqhube ngobunono nanjengoko kulindeleke ikhephu elingakhokelela ekuvaleni iindlela ezininzi.
Umphathiswa weSebe lezoThutho uMakhaya Komisa uthi isilumkiso sikaLevel 6 o-orenji sele ukhutshiwe yiofisi yemozulu, nalapho kulindeleke ukuba kubekho ikhephu eliphazamisayo ngentseni yangoLwesine ukuya kuLwesihlanu kwindawo yase-Emalahleni, eSakhisizwe, eLundini naseMatatiele, nto leyo enokukhokelela ekubeni kuvalwe iintaba kwezi ndawo.
Uthi, babongoza bonke abasebenzisi bendlela, ingakumbi abaqhubi beemoto ukuba balumke kakhulu xa beqhuba kwezi ndawo, njengoko belindele iimeko zokuqhuba ezinobungozi kwezi ntsuku zimbini zizayo. Amaqela azakwenziwa ukuba ancedise ezindleleni zethu, esebenzisana namaqela eentlekele.
