Home Iindaba Iindlela zikhomba eRhini, kwingqungquthela yophuhliso.

    Iindlela zikhomba eRhini, kwingqungquthela yophuhliso.

    Kungentsuku zatywala, uMasipala weSithili saseSarah Baartman ngokubambisana ne-arhente yophuhliso, yeSithili saseCacadu (CDDA), kunye namanye amahlakani aza kubamba ingqungquthela eququzelela uphuhliso lweliPhondo isithuba seentsuku ezimbini eMakhanda.

    Injongo yale ngqungquthela kukuhlanganisa amacandelo abucala nakarhulumente ukuze kuxoxwe ngamathuba ophuhliso kwisithili kuquka namashishini asakhulayo. Usuku lokuqala lwale Ngqungquthela kulindeleke ukuba lubandakanye imiboniso yemisebenzi yosomashishini abasakhulayo abazii-SMME ngamakhumsha. Ukanti oku kwenzelwa ukutsala nomdla kwabo banobanethuba lokutyala imali.

    Kukwalindeleke ukuba Izithethi eziphambili zale ngqungquthela zibandakanye iNkulumbuso uOscar Mabuyane; UMphathiswa wezeziMali eMpuma Koloni, oHloniphekileyo uMlungisi Mvoko; kunye noSekela Mphathiswa wezoLimo, uBuyekezo lwezoMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks