likaZwelonke lilumkisa uluntu ngeendaba zobuxoki ezisasazwa kwimidiya yoluntu, lisithi abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo (HIV) baza kufumana isibonelelo esifikelela kwiwaka elininamakhulu amabini eerandi (R1 200) ukususela ngenyanga kaCanzibe ka2026.
Isebe lithi ezingxelo aziyinyani zibubuxoki kwaye ziyalahlekisa.
Isithethi uFoster Mohale ukhuthaze uluntu ukuba luhlale luqinisekisa ulwazi olufunyenwe kwimidiya yoluntu olunemithombo ethembekileyo ngaphambi kokuba babelane ngalo.
