Home Iindaba Iinjinga zeEPL zindwendwela iNewcasltle kulempela veki.

    Iinjinga zeEPL zindwendwela iNewcasltle kulempela veki.

    Ayizukuba yidyalafesi inyama yedada iNewcastle United xa izakube ihlinzeka iManchester City ngomgqibelo.

    IQela lebhola ekhatywayo laseNgilane iNewcastle United lizakube lisamkela iinjinga zeEnglish Premiership League iManchester City ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kulenyanga yoMsintsi.

    La maqela mabini adlala umdlalo weligi emva nje kwempulelo kumdlalo weNdebe yaseNgilane, yaze yadlala ntanganye kwiChampions League yona iNewcastle kowayo umdlalo wendebe wanqunyanyiswa. Ukhumbule ukuba iManchester City ibidlale ngokulingana neArsenal kumdlalo weligi ngamanqaku amabini macala (2-2) ntoleyo ebonisa ukuba kuzakuba mdaka iisali kulesizini kwiEPL ngaphandle kokuthandabuza.

    INewcastle ithe isavula kakuhle kwiligi yaphoxwa yiFullham iyibetha ngamanqaku amathathu kwelinye (3-1) kowayo. IManchester City sele ivela kubethwa kwisizini edlulileyo yiNewcastle United kwindebe.

    Lo mdlalo walamaqela mabini awuzukuba lula kwaphela kuba iNewcastle liqela elixhathisayo nelinobungozi kakhulu.

    By Siphiwo Boqwana

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks