IKhomishini ive ukuba uKhan akakho zingqondweni kwaye akanako ukunika ubungqina

IKhomishini kaMadlanga ive ukuba umphathi wobukrelekrele bolwaphulo-mthetho omisiweyo uMajor General Feroz Khan akasekho zingqondweni, uthomalalisiwe, kwaye akakwazi ukunika imiyalelo emva kokudutyulwa ngeCawa umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeSilimela eHoughton eRhawutini.

UKhan wayecwangciselwe ukunika ubungqina phambi kweKhomishini ngoLwesithathu umhlawokuqala(1) kweyeKhala.

Igqwetha likaKhan, uZubair Khan, uzise isicelo kwiKhomishini kaMadlanga sokuba ubungqina bakhe buviwe kwikhamera.

Esi sicelo siyaphikiswa yinkokeli yobungqina u-Advocate Adila Hassim.

Igqwetha uZubair Khan limeme usihlalo weKhomishini kunye nabaphathiswa ukuba batyelele lowo ammeleyo uKhan esibhedlele ukuze baneliseke ukuba ukwimeko emandundu.

“Kukho izityholo zokuba olu ludubulo olucwangcisiweyo kwaye uGenerali Khan ulele esibhedlele, ukuba simema usihlalo kunye nabo bonke abaphathiswa ukuba bamfumane esibhedlele kwaye bathethe nabasebenzi bakhe bezonyango, kwaye baqinisekise kwaye bazanelise ukuba ukwimeko emandundu kakhulu, njengoko kuchaziwe kwi-J88.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
14.9 ° C
14.9 °
14.9 °
78 %
0.5kmh
89 %
Wed
16 °
Thu
14 °
Fri
18 °
Sat
20 °
Sun
24 °

EZITHANDWAYO INDABA