I-Mpuma Koloni ifumene iintsana zoNyaka omtsha ezingama-200, eyokuqala iyinkwenkwe eyazalwa kamsinya emva kwentsimbi yeshumi elinesibini ngosuku lokuqala lonyaka omtsha esibhedlele sase Mount Ayliff.
Kunyaka ophelileyo, iintsana ezingama-239 zazalwa ngomhla woku-1 kaJanuwari.
Isithethi seSebe lezeMpilo, uSiswe Kupelo uthi amantombazana angama-104 kunye namakhwenkwe angama-96 abelekelwe kumaziko ezempilo eliphondo.
UMphathiswa wezeMpilo kwiphondo leMpuma Koloni, uNomakhonasazana Meth utyelele abantwana bemini yoNyaka oMtsha kwisibhedlele i-Dora Nginza eGqeberha kwaye unikezele ngezipho.
UMphathiswa uthe nangona kunjalo, isebe lixhalabile ukuba amantombazana amancinci aqhubeka nokukhulelwa ngaphambi kwexesha.
“Simemelela kuwo wonke umntu ukuba adlale indima yakhe ekulweni ukukhulelwa okungacwangciswanga kunye nokukhulelwa kwamantombazana aselula” utshilo uMphathiswa .
Koomama abatsha, abangama-49 ngamantombazana aphakathi kwe-14 ne-19 ngelixa babengama-151 omama abalupheleyo abaphakathi kweminyaka engama-20 nangaphezulu.
