Imvula enkulu eqhubekayo kwiindawo zasentshona yeMpuma Koloni iyaqhubeka nokubeka uxinzelelo olukhulu kuthungelwano lweendlela zephondo, nto leyo ebangele ukuvalwa kweendlela, izikhukula, ukuwela kwamatye kunye neemeko zokuqhuba eziwohlokayo.
Ukanti indlela u-R102 phakathi kweGqeberha neJeffreys Bay ivaliwe ngenxa yokuwelwa ngamatye. Lendlela isebenza njengendlela ebalulekileyo kwaye ihambelana no-N2, odibanisa iGqeberha, iGamtoos Valley, iHumansdorp kunye neJeffreys Bay.
Kusenjalo u-R332 oya kwiBaviaanskloof Nature Reserve nawo uvaliwe emva kokuwelwa ngaamatye. Abakhi bebesandula ukusebenza ukubuyisela ukufikelela emva kweziganeko zemozulu embi ezibekho kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, kwaye iimvula zamva nje ngelishwa ziye zabuyisela loo mizamo emva.
Ukanti abaqhubi beenqwelo-mafutha nabo bayacetyiswa ngezi ndawo zilandelayo zixhalabisayo:
• I-M17 emva kwesikhululo samandla, ukuqokelelwa kwamanzi amaninzi kunye nemingxunya enzima.
I-Old Grahamstown Road kufutshane nesikhululo samapolisa – kubikwe ukuba kukho izikhukula.
• Indlela i-Addo phantsi kwebhulorho kaloliwe, ivaliwe ngenxa yezikhukula.
ISebe lijonge ngokusondeleyo iindlela ezidlula ezintabeni kunye nezinye iindawo ezisengozini yothungelwano lweendlela. Njengoko umhlaba uzele kakhulu, kukho iinkxalabo ezifanelekileyo malunga nokuwa kwamatye, ukudilika kodaka kunye nokungaphumeleli kwethambeka.
Iimeko zokuqhuba azikalungelanga, kunye nemiphezulu yendlela emanzi netyibilikayo, amanzi amileyo kunye nokungabonakali kakuhle okuchaphazela iindawo ezininzi.
Abasebenzisi beendlela bayacelwa ukuba balumke kakhulu, banciphise isantya, bandise umgama abawulandelayo kwaye bathobele zonke iimpawu zokuvalwa kwendlela kunye nemiyalelo evela kumagosa ezithuthi.
ISebe lezoThutho laseMpuma Koloni lithi liza kuqhubeka nokujonga imeko kwaye libonelele ngohlaziyo njengoko iimeko zitshintsha.

