Inani lamaqela ezopolitiko linyukile ukusuka kuma-508 ukuya kuma-620: IEC

Inani lamaqela ezopolitiko abhalise kwiKhomishini Ezimeleyo yoNyulo (i-IEC) linyukile ukusuka kumakhulu amahlanu anesibhozo (508) ukuya kumakhulu amathandathu namashumi amabini (620).

Oku kutyhilwe liGosa eliyiNtloko loNyulo le-IEC uSy Mamabolo kwintlanganiso nabezindaba ePitoli, malunga namalungiselelo ngaphambi kwempelaveki yokugqibela yokubhalisa abavoti ngomhla wokuqala (1) nowesibini (2) kweyeThupha.

Kusenjalo phantse izikhululo zokuvota ezingamashumi amabini anesine amawaka (24 000) kulo lonke ilizwe ziya kusebenza ukususela ngentsimbi yesibhozo (08:00) kusasa ukuya kweyesihlanu (17:00) emva kwemini ngoMgqibelo nangeCawa.

Abantu abangaphezu kwezigidi ezingamashumi amabini anesibhozo (28 million) sele bebhalise kuluhlu lwabavoti.

“Ubhaliso lwamaqela ezopolitiko okwangoku luquka amaqela ezopolitiko angamakhulu amathandathu namashumi amabini (620) abhalisiweyo. Ngoko ke, bekukho umsebenzi omninzi onxulumene nobhaliso lwamaqela ezopolitiko amatsha. Yiyo loo nto ukukhula kuye kwafikelela kumaqela ezopolitiko angama-620,” ucacisa uMamabolo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.1 ° C
12.1 °
12.1 °
78 %
1kmh
100 %
Thu
12 °
Fri
17 °
Sat
18 °
Sun
23 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA