Ngabantu abane(4) abaphulukene nobomi babo logama abasixhenxe(7) bonzakele kwingozi yemoto emva kokuba umqhubi ethe waphulukana nolawulo lwesithithi sakhe ze yabhukuqa kwindlela yegrabile eSundwana, ngaseXhalanga eDutywa.
Esi sehlo senzeke ngoMgqibelo umhla we(06.05.2023) emva kwemini. Lengozi yeyemoto yohlobo lwe(Toyota bakkie) nebinabantu abalishumi elinanye ibisuka(11) eDutywa isiya kwindawo yaseSundwana kukhwele amagqirha.
Umqhubi uphulukena nolawulo ze sabhukuqa. Abantu abane(4) ababekhwele kwisithuthi babhengeze ukuba babhubhile kwindawo yexhwayelo bonke ingamadoda.
Abasixhenxe abonzakeleyo kuquka nomqhubi bonzakele kakhulu ze basiwa kwisibhedlele saseGcuwa ukuze bafumane unyango oluthe kratya.
Iimeko ezingqonge unobangela wengozi azikaziwa okwangoku nanjengoko indawo isephantsi kophando ukuze kuqondwe oyena nobangela wengozi.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo livulwe kwamapolisa eDutywa ukuze kuqhutyekwe nophando.

