Home Iindaba Ingozi emasikizi isube imiphefumlo emihlanu(5)

    Ingozi emasikizi isube imiphefumlo emihlanu(5)

    Bad things happen in life.

    Ngabantu abahlanu abaphulukene nobomi babo kwingozi yendlela eyenzeke kuhola wendlela uR72 ePort Alfred ngaseBushman ukuya e-Alexandria (Gqeberha)

    Oku kusemva kokuba iimoto ezimbini zingquzulene okwenkunzi zegusha. Esisiganeko senzeke izolo ngomhla we24 kuTshazimpuzi ka-2022 (ngeCawa) malunga nontsimbi yesixhenxe(19H10) kuR72. IToyota Avanza enabakhweli ababini (amadoda ingumqhubi kunye nomkhweli) besuka e-Alexandria ngelixa iVW Polo nebinabantu abathathu (umqhubi oyindoda kunye nabakhweli ababini abangamadoda nabasetyhini) besuka ePort Alfred. Bobabini ababekhwele kwi-Avanza kunye nababini kwi-VW Polo babhubhele kwindawo yexhwayelo logama omnye ethe wabhubhela esibhedlele saseCawa. Indoda yonzakeleyo yeVW Polo yonzakele kakhulu yaze yasiwa kwisibhedlele sasePort Alfre.

    Ubungqina botywala bufunyenwe kuzo zombini izithuthi. Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe eKenton eSea SAPS ukuze kuphandwe.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks