Home Iindaba Ingozi emasikizi, nehlasimlisa umzimba eDutywa idlule nemiphefumlo emithandathu(6)

    Ingozi emasikizi, nehlasimlisa umzimba eDutywa idlule nemiphefumlo emithandathu(6)

    Abasemagunyeni kunye namagosa ezendlela amaxhaphetshu, abila esoma kuhola wendlela uN2 cebukuhle eDutywa.

    Kaloku, ngalenjikanga yangeCawa umhla we(31 Dec 2023) kubhubhe inani labakhweli abathandathu(6). Lengozi enkulu yenzeke malunga nentsimbi ye-16:40 kuhola wendlela uN2 phakathi kweDutywa noMthatha.

    Ngokwengxelo yeSebe lezothutho ePhondweni, ibisisithuthi esinye sohlobo lweToyota Fortuner kunye neFord Kuga. IToyota Fortuner ibinabakhweli abathandathu ze kwasweleka umntu omnye (1), iFord Kuga ibinabantu abahlanu (5) nabathe babhubha bonke kule ngozi.

     Abaqhubi bayacelwa ukuba baqhube ngononophelo, kwaye bathobe isantya nanjengoko imo yezulu ithande ukubambi ziimvula ezimandla. Ukanti oyena nobangela wengozi uphantsi kophando oluqhubekayo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks