Ngabantu abane(4) ababhubhileyo ngelixa bengamashumo amabini anesithathu(23) abathe bafumana umonzakalo ngokumandundu, xa iimoto ezimbini zithe zangquzulana kuhola wendlela u-R61 e-Aberdeen (eMpuma Koloni) esingise eBeaufort West (eNtshona Koloni).
Esi sehlo senzeke ngaphandle kwase-Aberdeen, kumgama ongange(40km) ukuya eBeaufort West malunga nentsimbi yesithandathu ekuseni(05H45)
Zombini ezi zithuthi bezihamba kwicala elinye, iMidbus sprinter enabakhweli abayi 27 ingquzulane neToyota Quantum ebikhwele abantu abalishumi.
Umqhubi wesithuthi(minibus) uphulukene nolawulo emva kokuntlitheka kwazo yaza yabhukuqa ibulala abantu abane(4) ngoko nangoko kwindawo yexhwayelo.
Amadoda amabini aquka umqhubi kunye nabasetyhini ababini babhubhile, ngelixa abanye abakhweli abangama-23 bafumana umonzakalo omkhulu kukho ke nabo bonzakele kancinci.
Bonke abahlali abalishumi(10) be-quantum baye basinda baphuma bengenawo umonzakalo.
Abonzakeleyo basiwe kwiSibhedlele sase-Aberdeen bonke ukuze bafumane uncedo lonyango olongezelelweyo, ukuthunyelwa okunokwenzeka kwizibhedlele ezahlukeneyo ezisebenza kakuhle.
Kutyholwa ukuba ukugcwala ngokungenankathalo nokuqhuba ngokungakhathali zezona zinto zibe negalelo kunobangela wengozi. Nanjengoko indawo yokuhlala esemthethweni ye-midbus ngama-23 kuquka nomqhubi lo ulayishe abantu abangama-27 kuquka nomqhubi othwele kakhulu ngabantu aba-4 ngelixa etsala itreyila egcwele ngokupheleleyo ukusuka eNtshona Koloni.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo liza kuvulwa kwa-Aberdeen SAPS ukuze kuphandwe ngokubhekele phaya.
