Home Iindaba Ingozi emasikizi nesube imiphefumlo emithandathu(6)

    Ingozi emasikizi nesube imiphefumlo emithandathu(6)

    Bathandathu(6) abantu ababhubhe kabuhlungu, ngelixa bebabini abonzakele kwingozi ebandakanya isithuthi sohlobo lweToyota Rav 4 Suv kunye neMini Cooper.

    Lengozi yenzeke kuhola wendlela uN2 ngaseTsitsikamma malunga necala emva kwentsimbi yesihlanu(17:30) izolo. Bonke ababhubhileyo bebekhwele kwiMini Cooper, ingamabhinqa amathathu(3), amakhwenkwe amabini(2) kunye nendoda enye(1).

    Ababini(2) abonzakeleyo, yindoda kunye nowasetyhini nebingabakhenkethi baseSwitzerland, kodwa nhoko bafumene umonzakalo ongephi. Ityala lokubulala ngokungenjongo livuliwe yinkonzo yesipolisa ukuze kuphandwe.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks