IiNkokeli zezoPolitiko kuMasipala oMbhaxa weSixeko saseBuffalo (Troika) kunye namagosa batyelele iZiko lezeMpilo i-Empilweni eGompo ngoLwesibini umhla wamashumi amabini abanye (21) kweyoMqungu 2025 emva kwengozi eye yashiya iqela lezigulana zonzakele.
Le ngozi yenzeke ngaphakathi esibhedlele ngentsimbi yesixhenxe (07:00) kusasa njengoko uninzi lwezigulana zosuku beziyokuxilonga. Kuyabonakala ukuba, isithuthi somongikazi wabasebenzi sibethe abaguli abebelindele ukuhoywa ngaphandle kwesakhiwo esikhulu seKliniki.
Ngelishwa, izigulane ezilishumi elinanye (11) zonzakele kwaye abathathu babandezeleka kakhulu. Izigulane ezibini kwezonzakele kakhulu zaye ziye zabalekiselwa ngoko nangoko kwiSibhedlele sase-Frere ukuze zifumane ukhathalelo oluphezulu ngelixa esesithathu sinyangwe ngokwezoncedo lokuqala kwakule kliniki i-Empilweni Gompo CHC.
Abanye nabo bonzakeleyo bathe bafunana unyango kwaye bakhutshwa emva koxilongo olukhathalelekileyo. Le ngozi iye yaxelwa emapoliseni ukuze kwenziwe uphando.
USodolophu weSigqeba kuMasipala oMbhaxa we-Buffalo City, uKhansila Princess Faku, egameni le-Troika, iBhunga kunye ne-BCMM, unqwenelela zonke izigulane ezonzakeleyo ukuphila ngokukhawuleza.
Ngexesha lotyelelo kwiZiko lezeMpilo, uSodolophu oLawulayo ekhatshwa nguSomlomo kunye noMbhexeshi oyiNtloko baye bahlala phantsi nabaphathi besibhedlele. Iinjongo zale ndibano, phakathi kweminye imiba, ibilukhuseleko lwezigulana kwesi sibhedlele kunye nezicwangciso zokuthintela ukuba ziphinde zenzeke iziganeko ezilolu hlobo.
“Iingcinga zethu kunye nemithandazo yethu ikunye naba baguli bonzakeleyo, kwaye sibanqwenelela ukuphila okukhawulezileyo, kufuneka bafumane iingcebiso zomothuko,” utshilo uSodolophu weSigqeba.