Home Iindaba Ingqina lesibini liza kuvela kwityala lenkohlakalo likaMapisa-Nqakula

Ingqina lesibini liza kuvela kwityala lenkohlakalo likaMapisa-Nqakula

Ingqina lesibini liza kunika ubungqina kwityala lorhwaphilizo kunye nokuhlanjwa kwemali kwityala lowaesakuba nguSomlomo weSizwe wangaphambili uNosiviwe Mapisa-Nqakula.

NgoLwesithathu umhlawamashumiamabinianesibini(22) kweyeKhala, inkokeli ye-UDM uBantu Holomisa uvele njengengqina lokuqala likarhulumente.

Ungqine ukuba ngenyanga yoKwindla ka-2021 waphakamisa iinkxalabo malunga nezityholo zokuba ikontrakta ye-SANDF yenze iintlawulo ezingathandabuzekiyo ezifikelela kwi-R5 yezigidi kuMphathiswa wezoKhuselo wangaphambili uMapisa-Nqakula.

UHolomisa uthi ikontrakta uNombasa Ntsondwa-Ndhlovu ukhalaze kuye, ukuba uhlawule uMapisa-Nqakula emva kokufumana iithenda zokhuselo zezigidi zeerandi.

Isithethi sePalamente sangaphambili sijongene namatyala alishumi elinesibini (12) lorhwaphilizo kunye nelinye lokuhlanjwa kwemali.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks