IXesha leziyunguma lizise iindaba ezibuhlungu kuMzantsi Afrika njengoko uMphathiswa wezoThutho uBarbara Creecy ebhengeze iinkcukacha-manani zokhuseleko ezindleleni zonyaka ka-2024/2025. Ezi nkcukacha zibethelele imingeni eqhubekayo yokhuseleko ezindleleni kweli lizwe, ngokunyuka okothusayo kwabantu ababhubhileyo nakwiingozi xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo.
Ethetha kwindibano noonondaba ePitoli ngoMvulo, umhla wamashumi amabini (20) kweyoMqungu 2025, uMphathiswa uCreecy ugxininise wathi, “Ilizwe lethu linomgama omde ekufuneka liwuhambile ukunciphisa ukubulawa kwabantu ezindleleni zethu.”
Uqaqambise ikakhulu ukungahoywa kwemithetho yendlela ngabasebenzisi beendlela abaninzi baseMzantsi Afrika, nto leyo ethe gqolo ukusuba imiphefumlo emininzi.
Iphulo lexesha leziyunguma elasungulwa ngomhla wokuqala (01) kweyoMnga 2024, ligxile ekuqhubeni ngenkathalo, ukhuseleko lwabahambi ngeenyawo, unyanzeliso kunye nemfundo, kunye nentsebenziswano.Nangona kunjalo, izibalo ezenziwe lliseb zimbi kakhulu kwaye zime ngoluhlobo:
Bayi-1,502 abantu ababhubhileyo ukususela ku-1,234 kwiingozi, eziphawula ukwanda nge-5.3% yabantu abaswelekayo kunye nokunyuka nge-4.2% kwiingozi xa kuthelekiswa nexesha leeholide zika-2023/2024.
I-711,184 yeyezohlwayo kwaye yeyelizwe lonke, kunye nokophulwa komthetho okuqhelekileyo okubandakanya ukunxiba amabhanti ezihlalo “Safety Belts” (23,607) kunye nokusebenzisa iiselfowuni ngelixa uqhuba (16,925).
Izithuthi ezili-16,527 zibhengezwe njengezingafanelekanga ukuba zisendleleni, kwaye izithuthi ezili-8,917 ziye zathinjwa.
Abaqhubi bezithuthi abali-9,550 babanjiwa, kuquka 3,840 ngokuqhuba benxilile kunye ne-414 yolwaphulo-mthetho olukwisantya esiphezulu, kwaye esona santya siphezulu sirekhodishiweyo ngu-245 km/h eRhawutini.
Umphathiswa uCreecy uye wakhalaza ngelithi, “Iingozi ezininzi nokufa kwabantu zibangelwa ziimeko zabantu, eziquka ukubalekisa, ukuhamba ngeenyawo, ukudinwa, ukubaleka ngesantya esiphezulu, ukuqhuba unxilile, nokuqhuba ngokungenankathalo.
Amaphondo amathandathu anike ingxelo yokwanda kwabantu ababhubhileyo, iKwaZulu-Natal, iMpuma Kapa, kunye neFreystata ingawona achaphazeleke kakhulu:
– KwaZulu-Natal: 304 abantu ababhubhileyo (247 ziingozi)
– EMpuma Kapa: abantu ababhubhileyo bayi-231 (ingozi eziyi-168)
– ERhawutini: abantu ababhubhileyo bangama-235 (iingozi ezingama-224) – eziphawuleka ngokuncipha xa kuthelekiswa nowama-2023/2024.
Umphathiswa uncome iRhawuti, iNtshona Kapa, kunye neMpumalanga ngokufezekisa ukuncipha kokubhubha kwabantu, esithi oku kubangelwe ziinzame zonyanzeliso.
Ukubhubha kwabahambi ngeenyawo kubalele ngokukhwankqisayo, i-41% yabo bonke abantu abaswelekayo, kunye namazinga aphezulu eRhawutini, eNtshona Kapa, naKwaZulu-Natal. Lilonke, iingozi ezinkulu ezilishumi elinesibhozo (18) zibangele ukufa kwabantu abayi-134, iibhasi ezincinci ezibandakanyekayo kwi-53% yezi ziganeko.
Umphathiswa uCreecy ubhenele kubahambi ngeenyawo, esithi, “Ukuba ufuna ukuhlala uphila ngelixa usebenzisa iindlela, kufuneka uqiniseke ukuba awuseli tywala, uhlala ubonakala, kwaye uphephe ukuhamba ngendlela.”
Ngenxa yezi nkcukacha-manani, umphathiswa ucele unyanzeliso lonyaka wonke, intsebenziswano enkulu kuwo wonke amanqanaba karhulumente, kunye nokuphuculwa kokhathalelo lomonzakalo ukunciphisa ukufa kwabantu. Isicwangciso se-24/7 yeeShifti zamapolisa endlela kunye namaphulo aphuculweyo okufundisa uluntu ayaphuhliswa.
“Sihlala sizinzile ekuzibopheleleni kwethu ukujongana nokuchas’ umthetho kunye nokuqhuba okuyingozi,” utshilo uCreecy. Ukwahlabe ikhwelo kwinkundla ukuba iwise izohlwayo ezingqongqo xa kuphulwa umthetho wendlela.
Iinkcukacha-manani zisisikhumbuzo esothusayo seendleko zoluntu zokwaphulwa kwemithetho yendlela. UMphathiswa uCreecy waqukumbela ngomyalezo onamandla: “Masisebenzisane ukwenza iindlela zethu zikhuseleke ngakumbi; masitshintshe indlela esiziphatha ngayo kwaye sisindise ubomi.”