Home Iindaba Inikezele impilo yontwana, emva kwethuba ehlutshwa kukudumba.

    Inikezele impilo yontwana, emva kwethuba ehlutshwa kukudumba.

    Ayisekho emhlabeni idyongwana yomfana waseGqeberha, nobesaze ngobuso elizweni emva kokuhlaselwa sisifo esingaqhelekanga sokudumba.

    Elityendyana neligama linguBonga Fufu, lahlaselwa sisifo sokudumba esengumfundi, ntoleyo eyamkhokelela ukuba asiyeke isikolo kuba ezama ukunesa impilo nanjengoko ebephazamiseka kwizifundo zakhe, nebezenza kwisikolo samabanga aphezulu iSoqhayisa SSS.

    UBonga uzakubekwa kwikhaya lakhe lokuqgibela kungekudala nanjengoko iindaba zokubhubha kwakhe zivakele ngentseni yanamhlanje. UPetros Majola weKhula Development Projects nobekhe watyelela kwikhaya lomtwana uhlabe ikhwelo kwabo bafuna ukufaka isandla batsalele umzali ku: 0733701278

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks