Inkosikazi kaVusimuzi “Cat” Matlala, uTsakane Matlala, ufake isimangalo solwaphulo-mthetho nxamnye nomdlali weqonga kunye nomfundi weendaba uTebogo Thobejane.
UMatlala utyhola uThobejane ngomkuxhaphaza kumaqonga onxibelelwano, esithi uyamenyelisa, ukusongela kunye nokuxhaphaza kwi-intanethi.
Uthi uThobejane umlandele ngokuphindaphindiweyo kwaye umjongile ngexesha lokuvela enkundleni.
Kwizithuba zeendaba zoluntu, uThobejane ubhekisele kuTsakane Matlala “njengombulali” kwaye uchaze uCat “njengenkabi” okanye umbulali.
UThobejane ukwathi uMatlala wonwabile xa umyeni wakhe kuthiwa wambetha.
UThobejane wayethandana noVusimuzi “Cat” Matla.
Sithetha nje u Cat Matlala usejele ejongene namatyala, aquka ukuzama ukubulala lo mdlali weqonga.
