Home Iindaba Inkqubo ka Bobz Mjekula umsasazi oqavileyo wase Kumkani FM ichongwe yi Telkom...

    Inkqubo ka Bobz Mjekula umsasazi oqavileyo wase Kumkani FM ichongwe yi Telkom Radio Awards kazwelonke

    By Sophumelela Singqota

    UXhasumzi Mjekula nodume ngelikaBobz Mjekula umsasazi ozingcayo waseKumkani FM. Uzalelwe kwidolophu encinci yase-Alice kwaye wakhulela kwilali yase-Upper Gqumashe, uBobz ukhule ethanda kakhulu unomathotholo. Utata wakhe ongasekhoyo wayesoloko emxelela ukuba ngenye imini unokuba ngumsasazi kanomathotholo kuba uBobz wayesoloko emamele unomathotholo.

    Iphupha likaBobz lokuba ngumsasazi kanomathotholo liqale eselula eneminyaka elishumi elinesithathu (13). Ngexesha leholide eMonti, wayekhe abukele abasasazi baseMdantsane City Mall kwiqonga loluntu aze acinge, “Ngenye imini ndiya kuyenza le nto.” Namhlanje, ubamba inkqubo yokonwabisa yasemini phakathi evekini ukusuka ngentsimbi ye-12 ukuya kweyesi-3 malanga. Ingqubo yakhe igxile ekufundiseni nasekukhuthazeni ulutsha ekuhlaleni.

    Uchongwe kumawonga eTelkom Radio kazwelonke, nalapho inkqubo yakhe ikuphela kwayo echongwe kwicandelo loluntu eMpuma Koloni, lonto ithethe lukhulu kuBobz. Imnike ukuzithemba kunye nolonwabo, into ebesebenza nzima ukuyifezekisa ukusukela ngo-2022. Ujonge phambili ekukhuliseni umsebenzi wakhe kunye nokufumana amathuba angakumbi okukhula kunye nobungcali.

    Ibali likaBobz Mjekula liyinkuthazo yokwenene kulutsha oluphupha ngokwenza umahluko ngonomathotholo. Uhambo lwakhe lubonisa ukuba ngentshiseko, ukuzinikela, kunye nokusebenza nzima, amaphupha anokuzaliseka. Abaninzi banokufunda ukuzinikela kwakhe ekuphakamiseni nasekufundiseni ulutsha ngenkqubo yakhe kanomathotholo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks