Amakhaya, iziseko, iindlela kunye neebhulorho zonakale ngethuba imvula enkulu ibangela izikhukula kweli phondo ekuqaleni kwale veki.
INkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane kulindeleke ukuba adibane neSebe loLawulo lweNtsebenziswano (COGTA) lephondo ngoLwesithathu ukuxoxa ngongenelelo oluya kujongana nentshabalalo ebangelwe yimozulu embi
Ubuncinane kuye kwabhalwa abantu abalishumi ababhubhileyo emva kwale ntlekele, amaxhoba asixhenxe avela kumasiplala ombaxa waseNelson Mandela Bay.
Amakhaya, iziseko, iindlela kunye neebhulorho zonakele ngethuba imvula enkulu ibangele izikhukula kweli phondo ekuqaleni kwale veki. UMabuyane uvumile ukuba eli phondo lithambekele kwiintlekele. Uthe intlanganiso yangoLwesithathu nabo bonke abaphathiswa abachaphazelekayo abasuka kumasebe ahlukeneyo, aquka i-COGTA nesebe lokuHlaliswa koLuntu phakathi kwabanye, iza kuqinisekisa ukuba onke amaxhoba ancediswa ngokufanelekileyo
Ukukhutshwa nokufuduswa kwabantu abahlala kwiindawo ezisezantsi naselunxwemeni komlambo kuyaqhubeka nanjengoko kuqikelelwa imvula engakumbi kweli phondo.
UMabuyane ubekele bucala iingcebiso zokuba abantu abafudusiweyo abayi kulungiselelwa ngokufanelekileyo, watsho esithi iindawo zokugcina iimpahla ezigcinwe ngeengubo, ukutya kunye nezinye izinto ziye zamiselwa ukunika inkxaso kwabo bachaphazelekayo.
Ongeziwe Ntondini.
