Home Iindaba Intlanganiso ebobanjwe ePhillipi ijike yangumbhodamo wokudutyulwa kubulawe iitshantliziyo uLoyiso Nkohla.

    Intlanganiso ebobanjwe ePhillipi ijike yangumbhodamo wokudutyulwa kubulawe iitshantliziyo uLoyiso Nkohla.

    Owayesakuba litshantliziyo lolutsha kwiqela lezopolitiko iANC uLoyiso Nkohla udutyulwe wabulawa kufutshane nesikhululo sikaloliwe sasePhilippi eKapa namhlanje.

    LokaNkohla waduma kakhulu ngethuba wayeqhankqalaza namaqabane akhe, belwela ucoceko leenkonzo zikaRhulumente zokwakhiwa kwezindlu zangasese esisemgangathweni zoluntu. Oloqhankqalazo ke lwayokuphelela kwisikhululo seenqwelo-ntaka saseKapa apho bajula ilindle ukubonakalisa umsindo wokungamkeli iimeko zeloxesha.

    Ngokwengxelo yamapolisa, ithi okwangoku akukabikho ngxelo ipheleleyo kodwa bazakubuya kungekudala emva kokhwenziwa uphando malunga nesisiganeko senzekileyo.

    Kuvakala ukuba lokaNkohla ebethetha kwindibano ebisePhilippi ngethuba edutyulwa. Ngokutsho kwamangqina aziboneleyo bathi, bekubanjwe intlanganiso neqale emva kwethuba ebelibekiwe. Kuthe kusenjalo kwavakala izithonga zemipu nekungekaqinisekwa ukuba ibiphuma kweliphi icala, kodwa kuvakala ukuba ibisitsho kufutshane namaxhoba nanjengoko umzimba kaNkohla uwele kude kufuphi nomnyango wegumbi elo ebezama ukuphuma kulo ngethuba kusitsho izithonga.

    Udutyulwe ekunye nabanye ababini kwaye omnye kubo ubalekiselwe esibhedlele ngokukhawuleza ukuze bafumane unyango.

    UNkohla ebebambe izikhundla zobunkokeli kumaqela ezopolitiko amane.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks