Home Iindaba Inzalelwane yase Sada eKomani ityunjwe njengomsasazi ophume izandla kwi Mama awards

    Inzalelwane yase Sada eKomani ityunjwe njengomsasazi ophume izandla kwi Mama awards

    uSiphelo Gijana, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) usebenza njengomsasazi eNgcobo FM Afternoon Drive. “Kutshanje ndiye ndachongwa phantsi kwecandelo leBest Radio Presenter kwiMama Awards ngo-2023″.

    Ndiqale ukusebenza kwiLukhanji FM ngo2018 ndingumfundi weendaba, Kamva ndasebenza njengoMsasazi weRadio. Ndiphinde ndasebenza eKumkani FM ngo2021 njengoMvelisi kunye nomsasazi kanomathotholo. Ngoku ndisebenza Ngcobo FM njengombhexeshi wenkqubo ye Afternoon drive ” Speeedodorove325 ”

    Ndicela abantu bandivotele njengoko ndikholelwa ukuba ndinesakhono. Ngoku ndingumvelisi kunye nomsasazi wenkqubo yasemva kwemini. Ndibonelela ngowona mxholo ubalaseleyo kwaye ndifumana eyona ngxelo ilungileyo kubaphulaphuli. Ndiyawuthanda umculo kwaye umboniso wam ugcwele yonke imixholo eyonwabisayo nefundisayo.

    Ngokuthobeka ndicela inkxaso yenu ngokundivotela. Ukuphumelela eli wonga kuya kundinika ukuzithemba, amandla okuqhubeka nalo msebenzi kwaye kuya kuqinisekisa ukuba ngenene unomathotholo lubizo lwam. Kwaye ndikulungele ukubonisa italente yam kwizikhululo zikanomathotholo ezikhulu.

    Nceda uvote ngeSMS mama 2123 ku40439, iSms ixabisa iR2. Imigca yokuvota ivulwa ukusuka ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kweyeSilimela (25 June) ukuya kumashumi amathathu ananye kweyeThupha ( 31 August) ka 2023

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks