By Lilitha Phenduka.
I-Arhente yoPhuhliso iMandela Bay (MBDA) ngokopapasho lwephepha-ndaba i-The Herald inqumamise abasebenzi ababini ze owesithathu wanikwa ileta yenjongo yokumnqumamisa emsebenzini kwaye kufuneka anike izizathu zokuba kutheni engafanelanga ukujamelane nesohlwayo.
Zontathu ezi ziganeko zahlukene, ingqonyela ye-MBDA u-Anele Qaba uthe isiganeko sokuqala sisukela kwintengiselwano yenkcitho engekho mgaqweni etyholwa ukuba ikhokelele ekubeni umphicothi-zincwadi jikelele (AG) ekhuphe le arhente ngophicotho lwayo lokuqala olufanelekileyo kunyaka-mali ka-2023/2024.
UMphicothi-zincwadi Jikelele akakwazanga ukumisela ubunyaniso bentengiselwano okanye ukuba ibonelela ngexabiso lemali ngenxa yokungabikho kwekhontrakthi ethembakeleyo kwaye kuyaqondakala ukuba inkcitho eyi-R2.5 yezigidi zee randi yenziwa.
UQaba uthe esi sityholo sokuziphatha kakubi siqale ngo-2022, kunyaka phambi kokuba azibandakanye ne-MBDA, kwaye ukwathe olu lulwaphulo-mthetho olunobuzaza oluya kuba neziphumo ezibi kwaye abaxhasi ngemali kunye nabatyali-zimali babajonga ngokungathembakali amaqumrhu anophicotho oluthandabuzekayo, kwaye oko kuyawonakalisa umsebenzi we-MBDA.
Umcimbi wesibini, kunye negosa elinikwe ileta yenjongo yokumnqumamisa, lichaphazela uluvo lomthetho olwafunyanwa ngo-2021. Nangona kunjalo, oku kwenziwa ngokwaphulwa kwemimiselo yekhonkco lokubonelela kunye nemigaqo-nkqubo ye-MBDA. Esi sityholo sibandakanya ukutyunjwa komntu wesithathu obonelela ngeenkonzo okanye inkqubo yobalo-mali.
Umba wesithathu ubandakanya ukusetyenziswa okungagunyaziswanga kwengeniso kamasipala eqokelelwa liqumrhu ngokusebenza kwebala le midlalo iNelson Mandela Bay Stadium. Oku kukwaphula uMthetho woLawulo lweMali kaMasipala.
UQaba ukwabhekisele kuphando lwexeshana kwizityholo zoxhatshazo kunye norhwaphilizo olunxulumene neNkqubo eYandisiweyo yeMisebenzi yoLuntu, ecebisa ukulawulwa kweenkqubo zokugaya abasebenzi, ekutyholwa ukuba abasebenzi abathile baqesha amalungu osapho.
