Home Iindaba Iqela laseKariega lamagqala kwibhola ekhatywayo linqunqelwe egoqweni liqela laseGqeberha.

    Iqela laseKariega lamagqala kwibhola ekhatywayo linqunqelwe egoqweni liqela laseGqeberha.

    Ebedlala amagqala kwibhola ekhatywayo kwiveki esiphuma kuyo eNelson Mandela Bay.

    Ebedlala amagqala kwibhola ekhatywayo kwiveki esiphuma kuyo eNelson Mandela Bay.

    Iziphumo zemidlalo yamagqala ebhola ekhatywayo eNelson Mandela Bay kwimpela veki esiphuma kuyo.

    I-Soweto United idlale ntanganye ne-Walmer United ngeqanda macala (0-0).

    Ama-Units abethe i-PE All Stars ngamanqaku amabini kwiqanda (2-0).

    I-Young Pirates Masters idlale ngokulingana neqela iBarcelona Masters ngenqaku macala (1-1).

    I-Uth masters ibhaxabule iBay Masters ngempama yona iBay ayaphendula nangocikicane (5-0).

    I-Algoa Bus Masters ibambene ngenqaku (1-1) macala neChetty Masters.

    I-Motherwell All Stars zidlale ngokulingana ne-Attackers ngelinye macala (1-1).

    I-Slovo sibethe iPE Eleven ngamanqaku amabini kwelinye (2-1).

    I-BOP ibethwe yiSparks ngamanqaku amabini kwinqaku elinye (2-1).

    IWalmer Masters izibethele iZwide ngamanqaku amabini eqandeni (2-0).

    IVeeplaas Masters ibethwe ngamanqaku amathathu kwamabini (3-2) yi-Young Bucks.

    IVW ibethe kabuhlungu iWinners ngamanqaku amathathu kwelinye (3-1).

    By Siphiwo Boqwana

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks