Ebedlala amagqala kwibhola ekhatywayo kwiveki esiphuma kuyo eNelson Mandela Bay.
Iziphumo zemidlalo yamagqala ebhola ekhatywayo eNelson Mandela Bay kwimpela veki esiphuma kuyo.
I-Soweto United idlale ntanganye ne-Walmer United ngeqanda macala (0-0).
Ama-Units abethe i-PE All Stars ngamanqaku amabini kwiqanda (2-0).
I-Young Pirates Masters idlale ngokulingana neqela iBarcelona Masters ngenqaku macala (1-1).
I-Uth masters ibhaxabule iBay Masters ngempama yona iBay ayaphendula nangocikicane (5-0).
I-Algoa Bus Masters ibambene ngenqaku (1-1) macala neChetty Masters.
I-Motherwell All Stars zidlale ngokulingana ne-Attackers ngelinye macala (1-1).
I-Slovo sibethe iPE Eleven ngamanqaku amabini kwelinye (2-1).
I-BOP ibethwe yiSparks ngamanqaku amabini kwinqaku elinye (2-1).
IWalmer Masters izibethele iZwide ngamanqaku amabini eqandeni (2-0).
IVeeplaas Masters ibethwe ngamanqaku amathathu kwamabini (3-2) yi-Young Bucks.
IVW ibethe kabuhlungu iWinners ngamanqaku amathathu kwelinye (3-1).
By Siphiwo Boqwana
