By Lilitha Phenduka.
IPhumile eluvalelweni inkokeli yabafundi kwiDyunivesithi iNelson Mandela, uVuyisanani ‘Gold’ Maseti, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27), ongusihlalo we-SASCO kwingingqi kulandela uqhankqalazo eGqeberha ngoLwesine, umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMdumba 2025.
Ingxelo zidize ukuba isithethi sase-NMU uPrim Gower uthe lo kaMaseti, owagqibela ukubhaliswa kweli ziko ngo-2021, kutyholwa ukuba ukhuphe ibhombu yomsi enemibala phakathi kubafundi ngenjongo yokuboyikisa ngelixa besiya kumagumbi okufundela.
Nangona eyewavalelwa ngenxa yobundlobongela basesidlangalaleni, amanye amaqela ayalele abafundi akwikhampasi yeDyunivesithi iSecond Avenue ukuba bashiye amagumbi okufundela.
Ukwathe i-NMU ibithethathethana ngokuphandle nabafundi besebenzisa iindlela ezahlukeneyo zonxibelelwano kuquka nohlaziyo oluqhubekayo ngamaqumrhu obunkokeli asesikweni, kwaye bekuselithuba ukuba abafundi baqhankqalaze ngokuchasene neenkqubo zobhaliso ezivalayo namhlanje.
Lo ka-Gower ukwathe uhlaziyo olubanzi malunga nobume bemiba eyahlukeneyo yobhaliso kwabelwana ngalo nabo bonke abafundi kwaye oku kube yinto abayiqale ngexesha lobhaliso lwezifundo, echaza ukuba idyunivesithi inoxanduva lokukhusela uluntu lwayo olubandakanya abasebenzi nabafundi. Lo nto ithetha ukuba izenzo zobundlobongela, izoyikiso kunye nokuphazamiseka kwemisebenzi yezemfundo ziya kujongwa nazo ngokuhambelana nezibonelelo zomthetho.
UGower uthe ukunyhashwa kommiselo okhoyo kungakhokelela ekubanjweni kwabenzi bobubi. Phakathi kwezinye izinto, lo myalelo uthintela abafundi abaqhankqalazayo ukuba bavale iindlela kunye nokuthintela ukungena okanye ukuphuma kuyo nayiphi na ikhampasi; kunye nokuthintela ukusebenza kunye neenkqubo zolawulo lwedyunivesithi.
Abafundi abavumelekanga ukuba bangonakalisa ipropathi yedyunivesithi, boyikise abanye abafundi ukuba baphume kumagumbi okufundela okanye ekwakheni okanye bathintele nawuphi na umsebenzi wasedyunivesithi, kubandakanywa iimvavanyo kunye neemviwo.
Iqela lo bumtho we-SASCO libhale kumakhasi onxibelelwano benyanzelisa ukukhululwa kuka Maseti bechaza ukuba ebengangqubani nomyalelo wenkundla nangayiphi na indlela.
Eli qela likunye namanye amaqumrhu abafundi bezopolitiko bedyunivesithi iNelson Mandela bafikelele kwisivumelwano sokuba baza kuqhubeka beqinisa kwaye benyuse uqhankqalazo de kwandiswe ubhaliso baze bonke abafundi babhaliswe.
