Home Iindaba Iqela leATM lifuna uvoto oluyimfihlo kumba osetafileni ngakuMkhuseli woluntu.

    Iqela leATM lifuna uvoto oluyimfihlo kumba osetafileni ngakuMkhuseli woluntu.

    Umbutho weAfrican Transformation Movement(ATM) ufuna kusetyenziswe ivoti eyimfihlo xa kuvotwa isindululo seKomiti ka Section -194 lokugxothwa koMkhuseli woLuntu onqunyanyisiweyo uBusisiwe Mkhwebane.

    Inkokeli yeATM uVuyo Zungula ubhalele uSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho uNosiviwe Mapisa-Nqakula ngalo mba. Ikamva likaMkhwebane kulindeleke ukuba ligqitywe ngoMvulo weveki ezayo, kwiholo yeSixeko kusetyenziswa inkqubo yokuvota evulelekileyo. Ingxelo yekomiti ephakamise ukususwa kukaMkhwebane izakuziswa ukuze kuxoxwe kwaye yamkelwe okokugqibela yindibano.

    Ngokuka Section -194 loMgaqo-siseko, ubuncinane isibini esithathwini sevoti yesininzi siyafuneka ukuze kususwe uMkhuseli woluNtu esikhundleni. UZungula uthi inkqubo ka Section -194 ukusukela ekusungulweni kwayo iphawulwe ngesiphumo esimiselwe kwangaphambili ngokwezopolitiko kwizizathu ezahlukeneyo. Uthi ngoku uvoto luvuleleke emfihlekweni nanjengoko isikhalazo ngakuMkhwebane safakwa egameni lombutho wezopolitiko wesibini ngobukhulu, iDemocratic Alliance (DA), ngenkxaso yombutho omkhulu weAfrican National Congress (ANC) kwakunye Freedom Front Plus (FF+).

    Uthi iANC inamalungu angama-230 ePalamente logama iDA inamalungu angama-84 kwaye iFF-Plus inamalungu alishumi. UZungula uthi ngoko ke iDA, ANC kunye neFF-Plus banamalungu angama-327 nto leyo engaphezulu kwemfuneko yamalungu angama-267 ePalamente ukuba avotele ukushenxiswa koMkhuseli woLuntu. UZungula uthi iANC idume kakubi isebenzisa indlela yombutho ukunyanzela amalungu ayo ukuba avotele isiphakamiso seDA.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks