Home Ezoshishino Iqhube ngempumelelo ingqungquthela yophuhliso lweMpuma Koloni

    Iqhube ngempumelelo ingqungquthela yophuhliso lweMpuma Koloni

    Iqhube ngempumelelo i(Summit) nebiyeyesibini ibanjwa kwiPhondo leMpuma Koloni, nebibanjelwe eMakhanda kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo.

    LeSummit nebichotshelwe nguMaspala waseSarah Baartman, ongowona umkhulu ukunye neGqeberha, yenzeke ngempumelelo nanjengoko ibilusuku leengxoxo ezingundoqo zokuphucula iMpuma Koloni kwilizwekazi loMzantsi Afrika kunye neZhejiang yaseChina. Lomsitho ungaka ubuzinyaswe luninzi olusagunyeni, abaquka iNkulumbuso uOscar Lubabalo Mabuyane, uMphathiswa kwezothutho ephondweni uXolile Nqatha;Alan Chan nonguMneli welizwe laswChina kunye nooSodolophu boMaspala abohlukeneyo  nasemaphandleni afana neMpuma-langa.

     

    Ngethuba uMabuyane ethetha nonondaba, ecacisa indima lengqungquthela eyidlalayo kumafama uthe “ asizukuwayekela amafama aseMpuma Koloni ukuba asokole sikhona singuRhulumente koko sizakwenza konke okusemamdleni ukubancedisa. Xa sisenjalo sizakuqala ukulungisa iindlela ezi zithutha izityalo xa ziyothengiswa ukuqinisekisa ukuba imingxunya esezindleleni iyavalwa kwaye kwakhiwe neendlela ezisemgangathweni.” utshilo uMabuyane.

    Ukanti wongeze ngelithi, eyona njongo engundoqo yokubanjwa kwalengqungquthela, kukuququzelela abatyi zimali ukuba beze ngaphambili eMpuma Koloni ukuze uqoqosho lweliPhondo luphuhle kwaye kudaleke namathuba emisebenzi, kananjalo ukunyusa nezinga labakhenkethi. Eliphulo nebelikwaququzelelwa nguAlan Chen omele iphondo iZhejiang lase China kuMzantsi Afrika, uthi umdla wabo ukuphuhliso lwezolimo eMpumakoloni ukuze kuphele indlala kwanokuxhobisa ulutsha kwezolimo behlangene noGqira uAlbert Yu naye omele iZhejiang Cloud Needle nabanesivumelano sokusebenzisana nomziphuhliso okuMaspala waseSarah Baartman.


    UXolile Nqatha ucaphule lwimizebenzi abayenzayo kwiCandelo akhokele kulo ingakumbi ukulwa ubundlobongela nokuxhatshazwa kwabantu ngokwesini. Uthi benguRhulumente baqulunqe inkqubo ethi “Musa ukuthula kusonakala” kuba uninzi lwabantu abahlukumezekayo bahlutshwa ngabantu ababaziyo koko bakhethe ukuthula.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks