Home Ezemfundo Iqumrhu iZimkhitha Matshaya lizimisele ukusiphula neengcambu umkhuba wokuhlukumeza ezikolweni

    Iqumrhu iZimkhitha Matshaya lizimisele ukusiphula neengcambu umkhuba wokuhlukumeza ezikolweni

    Iqumrhu elinganyekanga nzuzo kurhulumente i-Zimkhitha Matshaya Foundation lithi lineenjongo zokuphuhlisa uluntu, ukufezekisa amaphupha abantwana besikolo nokulwa ukuxhatshazwa nokuhlukunyezwa kwabafundi ezikolweni phantsi kwephulo i “Spot the Bully” eliyisungule ngonyaka ka- 2021. Eliqumrhu, lasekwa ngonyaka ka 2020 lithi lisebenzisana nezikolo zamabanga aphantsi kunye naphakamileyo ukuncedisana uphuhliso olupheleleyo lwabafundi ezikolweni, linikezela ngeenkqubo ezahlukeneyo ezijolise ekuphuhliseni izakhono zabo zentlalo, ukubonelela ngenkxaso yeemvakalelo, izakhono zomzimba, izakhono zengqondo kunye neenkqubo zokukhula kwengqondo ezisetyenziswa njengesixhobo sokuphuhlisa izakhono zabo zentlalo kunye nokunxibelelana. Umseki weli qumrhu uZimkhita Matshaya uthi
    Uqaphele ukuba ubundlavini budla ngokungaqatshelwa ngootishala kuba amaxhoba ayoyika ukuyixela. Ekwathi Okwangoku, basebenza nezikolo ezimbalwa angabalula kuzo isikolo samaphanga aphezulu iVuluhlanga nezinze kwidolophu yaseGcuwa.

    “Kukho iimeko esele sizifumene kwaye sikwazile ukusombulula uninzi lwazo” Utshilo.

    “Sibeka i “bully boxes” ezikolweni apho amaxhoba akwaziyo ukufaka khona imiyalezo exela ngesimo ajongene naso, sibenabantu abaphuma kwi qumrhu abajongene nalomiyalezo nalapho iye idityaniswe nonontlalontle ojongene nesosikolo ze kolulekwe ixhoba nomenzi wombubi ngokwengqondo” unabe wastsho uMatshaya.

    Ukanti uninzi lwemiyalezo amaxhoba abhala ngabanye abafundi abanye ngemeko ezenzeka ekhaya. UMatshaya uthe bayaqinisekisa ukuba akukho mtu uyaziyo into efakwe kule bhokisi, esithi yonke into iyimfihlo, ngaphandle komtu onoxanduva lokuthatha imiyalezo ngaphakathi ebhokisini.


    I Zimkhitha Matshaya Foundation ithi izimisele ukulenza eli phulo unyaka wonke kuba ikholelwa ukuba umhla nezolo kukho umntwana oxhatshazwayo ekhaya okanye esikolweni, nto leyo ebangela ukuba aphelelwe lithemba ngekamva lakhe. Bathi Umnqweno wabo kukuba izikolo zivele ngaphambili zifumane ibhokisi yesikolo ngasinye ukuze benze izikolo zibe yindawo ekhuselekileyo yabantwana, kwaye abafundi bonwabele ukufunda ngaphandle koxinzelelo abajamelana nalo.

    “Iphulo i” Spot the bully” iyasincedisa ukuthintela ukuhlukunyezwa nokuxhatshaza ezikolweni kuba sikholelwa ukuba kungcono ukuthintela kunokothuka xa sele into yenzekile” uvale ngelitshoyo uMatshaya

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks