Isebe lezeMpilo ephondweni lamkele ii-ambulensi ezintsha

UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa udlulise ngee-ambulansi ezingamashumiamabinianesithandathu (26), emva kweeveki zezikhalazo zoluntu malunga nokunqongophala kwee-ambulensi kweli phondo.

Ukunikezelwa kwezi ambulensi kwenzeke kwiZiko leMithombo kwiSixeko saseKuGompo ngoLwesihlanu umhla wesine (4) KweyoMsintsi.

“Silapha namhlanje ukuza kwamkela ezi ambulensi kwaye sonke siyazi ukuba bekukho isikhalo kweli phondo kwiiveki ezimbini ezidlulileyo apho besisoloko siva iindaba malunga nokunqongophala kwee-ambulensi, ingakumbi kwindawo yaseSarah Baartman,” utshilo uCapa.

Eli Sebe lifumene ezinye ii-ambulensi ezingamashumi amabini ananye (21) ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeThupha.

“Oku akuthethi ukuba siyisombulule ingxaki, kodwa sikholelwa ukuba kuza kunciphisa uxinzelelo kancinci oluvela kwiSebe lethu.”

Eli Sebe lithi iSithili saseSarah Baartman, apho ukunqongophala kwaqala khona izikhalazo zoluntu, sele sifumene ii-ambulensi ezintsha ezilishumi elinesine (14), kunye nezithuthi ezisixhenxe (7) zokuthutha izigulana kunye nezithuthi ezisithoba (9) zokusabela.

UCapa uthe kulindeleke ukuba kuhanjiswe ezinye ii-ambulensi ngenyanga yeDwarha, ngeyoMdumba nangeyeKhala, nto leyo ethetha ukuba inani lilonke lifikelele kwikhulu namashumi asithoba anesixhenze (197) yee-ambulensi ezintsha ekupheleni konyaka-mali.

Kodwa ebuzwa ngokuthe ngqo ukuba isebe linexesha elifanelekileyo lokusombulula ngokupheleleyo ukunqongophala, uthe kwanee-ambulensi ezintsha ezilikhulu namashumi asithoba anesixhenxe (197) aziyi kwanela.

“Sifanele sivume ukuba le yinto esiza kuyithatha,” utshilo.

“Xa uthenga entsha, enye yonakele, enye ngenxa yomhlaba kunye nemigama esiyihambayo, ingakumbi kwiindawo zasemaphandleni.”

Uthe isithili saseNelson Mandela Bay asijongani noxinzelelo olufanayo, ngaphandle kwemingeni enxulumene nolwaphulo-mthetho, kodwa izithili zasemaphandleni zilwa neendlela ezimbi kunye nemigama emide eyonakalisa izithuthi ngokukhawuleza.

UCapa uthe iphondo lifuna ii-ambulensi ezimalunga namakhulu asithandathu (600) ukuze zisebenze ngokupheleleyo. IMpuma Koloni okwangoku inee-ambulansi ezingamakhulu amane (400), kwaye amanye awo amiselwe ukulungiswa.

“Ezo sizifumanayo namhlanje, azizizo ii-ambulensi ezintsha, zithatha indawo yezo sinazo,” utshilo.

“Ke oko kuthetha ukuba asikafikeleli kwinqanaba elifanelekileyo, kodwa andicingi ukuba kukho elinye iphondo elinalo elo nani lifanelekileyo njengenani elichanekileyo. Kodwa ubuncinane ukuba unokuba namakhulu amane (400) ee-Ambulensi esebenzayo, ngoko ukwindawo elungileyo.”

Uthe unxibelelana neSebe lezoThutho kunye neSebe lezeMali lePhondo ukuze kufunyanwe isisombululo esihlala ixesha elide, kuquka ingxelo epheleleyo malunga nokuba zeziphi ii-ambulensi ezingasebenziyo ezisenokulungiswa, ukuze izigqibo malunga nokuxhaswa ngemali kunye nokutshintshwa zingenziwa ngokufanelekileyo.

Wongeze ngelithi unxibelelwano neSebe lezoThutho luza kujonga nokulungisa iindlela zephondo, umhlaba ofanayo wasemaphandleni athe unegalelo ekuphuhlisweni kwee-ambulensi kwasekuqaleni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13.1 ° C
13.1 °
13.1 °
67 %
4.2kmh
100 %
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
15 °
Mon
24 °
Tue
31 °

EZITHANDWAYO INDABA