By Asemahle Mbete.
UMphathiswa uBarbara Creecy kunye neSekela lakhe uMkhuleko Hlengwa kulindeleke ukuba baxelele oonondaba ePitoli, apho baza kuchaza ifuthe lamaphulo okhuseleko ezindleleni ngeeholide ze banike neenkcukacha-manani zakutsha nje malunga neengozi nokufa kwabantu.
Ngo-2024, uMzantsi Afrika ushicilele ukunyuka okuthe kratya kwimpelaveki yePasika, apho abantu abangamakhulu amabini anamashumi amabini anesihlanu (225) bathe baphulukena nobomi babo kwingozi ezilikhulu elinamashumi asibhozo anesihlanu (185), nto leyo ephawula ukonyuka okuphantse kube ngumyinge wamashumi amane (40) eepesenti xa kwasweleka abantu abalikhulu elinamashumi amathandathu ananye (161) kunyaka ophelileyo.
Abahambi ngeenyawo bamalunga nesiqingatha sabantu ababulewe kwi-holide yePasika edlulileyo, begxininisa umzabalazo oqhubekayo wokwenza iindlela zikhuseleke, hayi kubaqhubi beemoto kuphela, kodwa kubo bonke abazisebenzisayo.
Abasemagunyeni basabela ngezenzo eziqatha, bakhupha izohlwayo zendlela ezingaphezulu kumawaka angamashumi amathathu (30 000), kwaza kwabanjwa abaqhubi abamalunga namawaka amabini (2 000), ubukhulu becala ngenxa yokubaleka ngesantya esiphezulu, ukuqhuba benxilile nezithuthi ezingekho semgangathweni.
Nangoku, iimpazamo zabantu ziye zaba negalelo elikhulu kwiingozi ezibulalayo, eziquka ukuqhuba okuyingozi, ukuphazamiseka nokutyeshelwa kwemithetho esisiseko yendlela.
UCreecy kulindeleke ukuba abonise ezi pateni kwaye achaze izicwangciso zokuguqula imeko, mhlawumbi ngokusebenzisa amapolisa ahamba ubusuku nemini kunye namaphulo anamandla okwazisa ngokhuseleko ezindleleni.