13 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

ISundowns iphulukene nentshinga ye-Engen Knockout Challenge kwiChiefs

Amaqela amabini (2) aziwayo ibe ngawo ayithathayo intshinga ye-Engen Knockout Challenge nebibanjelwe eGoli kulempelaveki siphuma kuyo kumanina nasebafaneni abancinci.

IKaizer Chiefs iyithathele kuyo intshinga ye-Engen Knockout Challenge ngethuba idlala kumagqibela kankqoyi waleNdebe ngeCawa umhla wesixhenxe (07) kule yeKhala inyanga kubafana abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (u/18) ubudala.

IKaizer Chiefs ibiqubisene neMamelodi Sundowns kumagqibela kankqoyi wendebe ye-Engen Knockout Challenge kumabala iMarks Park eJozi ngeCawa umhla wesixhenxe (07).

IChiefs ibethe iSundowns ngamanqaku amabini eqandeni (2-0) ngeCawa, kumdlalo obunzima kumacala omabini (2) nangona iphumelele iChiefs kodwa omabini (2) lamaqela ebezimisele edlala kakuhle kodwa Amakhosi axuthe intshinga ebiphethwe ngamaSandawana.

Nangona iSundowns inokuzibona njengeqela eliphoxekileyo emva kokungakwazi ukukhusela isithsaba sayo, kodwa bazisule iinyembezi ngoba iqela lona lamagqiyazana angaphantsi kwamashumi amabini (u/20) likwazile ekugqibeleni ukuyiphumelela kulonyaka intshinga.

IMamelodi Sundowns Ladies ide yayiphumelela lentshinga emva kokuzama, iphunyelelwa yiDyunivesity yaseJozi iminyaka emibini (2) yonke egqithileyo.

Emva komdlalo onobuchule nokuzimisela kuwo omabini (2) lamaqela adlale ngokulingana ngeqanda macala (0-0) ade ayokukhaba iipenalthi nalapho iMamelodi Sundowns iye yaqinisekisa ukuba iyaziphumelela ngamanqaku amane kwamathathu (4-3), ngaloondlela inqanda iUJ ukuba zingafumani igolide ityeli lesithathu (3) elandelelana.

Njengesiqhelo abaqeqeshi nabadlali bebeyokubukela amakhono abadlali abasakhulayo apho.

Phakathi kwabaqeqeshi ebebekhona singabalula uPitso Mosimane noDesree Ellis.

Kubadlali ebebeyokubukela singabalula umdlali weSundowns nokwa ngumdlali weBafana Bafana uThemba Zwane, uSiphelele Mkhulise, uShandre Campbell weSupersort United noSiyabonga Mabhena.

Kubadlali abathe bazenzela igama kuletumente kumagqiyazana badlala ngeminyaka engaphantsi kwamashumi amabini (u/20), umgcini zinti othe wazibalula ibe nguCasey Gordon weJvW ladies.

Ofumene ukuba ngoyena mdlali uzibalule ngasemva ekuvaleni ibe nguShannon Marcomo weqela iUJ, umdlali oye wabalasela esiswini ibe nguJabulile Mbatha weMamelodi Sundowns ladies.

Umdlali obalasele njengefolosi nguGugu Dlamini weJvW, ofake amanqaku amaninzi ukogqitha onke amanina kuletumente ibe nguGugu Mabitsela weJvW, usompempe okwazileyo ukuphatha kakuhle kakhulu umdlalo ibe nguBusisiwe Mdluli, umqeqeshi oye wabalasela ibe nguAndisiwe Mgcoyi weSundowns.

Iqela eliye laziphatha kakuhle ibe yiMita Stars ladies, umdlali obalaseleyo kwitumente yonke iye yanguJabulile Mbatha weSundowns.

Kubafana abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (u18), unozinti wetumente yanguColby Sinclair weRandburg FC, umdlali wangasemva obalaseleyo yanguGopolang Toungana weChiefs, umdlali ozibalule esiswini yanguGomelemo Kekana weSundowns, umdlali obalasele ngokufaka amanqaku phambili ngu-Ofentse Kgosana weKaizer Chiefs.

Oyena ufake amanqaku amaninzi kuletumente nguLucky Mathew weSupersport United, umqeqeshi wetumente ibe nguDavid Mathebula weChiefs. Elona qela elithe laziphatha kakuhle kuletumente yiKhathorus Hyper Academy, umdlali obalaseleyo wetumente yonke ibe nguye uOfetse Kgosana weKaizer Chiefs.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13 ° C
13 °
13 °
86 %
0.4kmh
100 %
Sun
13 °
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks