Home Iindaba Ityendyana lomfana waseNgqushwa libulele ze ladlwengula umakhulu.

    Ityendyana lomfana waseNgqushwa libulele ze ladlwengula umakhulu.

    Ligatyana lomfana oneneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe(27) ubudala, obeve kancinci kwinkundla kamantyi yasePeddie izolo (28/12), emva kokuba ibekwe ityala lokubulala nokudlwengula umakazi wakhe ngoSuku lweKrisimesi.

    Sithetha nje lomfana useluvalelweni lwamapolisa kwaye okwangoku ityala lihlehliselwe uLwesine umhla we-4 kuJanuwari 2024, ukuze afake isicelo sebheyile.

    Ngokwengxelo yenkonzo yesipolisa eMpuma Koloni, kutyholwa ukuba nge25 kaDisemba 2023, malunga nentsimbi yeshumi(10:00) amapolisa afumana isikhalazo sokubulawa komtu kwindlu yaseRura ePeddie.

    Umzimba wexhegokazi ufunyenwe uze ulele ebhedini ubotshelelwe ngentambo yombane emqaleni. Inkosikazi ebhubhileyo ichazwe kamva njengoSomikazi Ngalonkulu (67).

    ICandelo loKhuseleko lwaBantwana noLwaphulo-mthetho ngokweSondo (FCS) libambe umrhanelwa lo uzalana nowasetyhini obhubhileyo.

    UMkomishinala wePhondo, uLt General Nomthetheleli Mene udlulise amazwi ovelwano olunzulu kusapho lwexhegokazi.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks