Home Iindaba Ivuna ekutyalileyo indoda eyakrwitsha ibulala unina wayo eGqeberha.

    Ivuna ekutyalileyo indoda eyakrwitsha ibulala unina wayo eGqeberha.

    indoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu(53) ubudala yaseBethelsdorp iza kuchitha ubomi bayo bonke entolongweni emva kokuba igwetywe kwiNkundla ePhakamileyo yaseGqeberha izolo, umhla we(23 March 2022) ngokubulala umama wayo ngoNovemba ka-2019. Kwesisigwebo nesongezwe ngeminyaka elishumi elinesihlanu(15 years) yokuphanga nokukhuthuza unina emva kokuba imbulele.

    Lendoda igwetyiweyo egama linguPeter Lyons iphinde yagwetywa iminyaka engamashumi amabini(20) kwakho ngokubulala enye indoda ngoMatshi ka-2006. ULyons wabulawa ngenkohlakalo kwikhaya lakhe eMpuko Street eJacksonville ngorhatya lomhla wange27 kweyeNkanga kunyaka ka2019 ngunyana wakhe. Emva kokumkrwitsha de wafa, ze emva koko wagqogqa indlu ethatha amakhadi kanina ebhanki nezitshixo zendlu. Oku wakwenza  ezinzulwini zobusuku ekhupha imali eyiR1000 kwiakhawunti kanina ukuze athenge utywala. Ngenjikalanga elandelayo, umhla wama-28 kuNovemba ka-2019 wazinikela kumapolisa aseBethelsdorp.

    ULyons lo uye kwakho wavuma ngokubulala umninimzi aqeshise indawo yokuhlala kuye uDennis Ogle, oneminyaka engama-59 ubudala owambulala ngo-Matshi 2006. Ukufa kuka-Ogle kwabangela ukuba akrwitshwe emva kokuba ethe waxabana noLyons (umgwetywa)

    Emva kokubanjwa kwakhe ngokubulala unina, uye ke wasosa egwetyelwa lamatyala okubulala omabini.

    Ibambela lomkomishinala wesithili saseNelson Mandela Bay uBrigadiya Luntu Ngubelanga usamkele esi sigwebo watsho esithi ubulungisa benziwe  kumtyholwa. Izenzo zomtyholwa zihambisa umzimba kwaye zingenalusini, ziyingozi eluntwini ngoko ke abaphuli-mthetho abafana naye kufuneka basuswe eluntwini ukuze kukhuselwe ubomi babantu abamsulwa. 

     

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks