By Lilitha Phenduka.
INkundla yenGingqi yaseMakhanda igwebe uBonginkosi Ngcinci oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) iminyaka elishumi elinesihlanu (15) entolongweni ngokudlwengula owasetyhini onamashumi amabini anesithandathu (26).
Walenza eli tyala ngethuba engaphandle ngengqawule ngenxa yokudlwengula, ubusela nokuqhekeza nalapho wagwetywa iminyaka elishumi elinesihlanu (15) kodwa wakhululwa emva kokuthothoza iminyaka elishumi.
Iingxelo zidiza ukuba ngentsasa yomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kwinyanga yoMnga ka-2023, uNgcinci walandela ixhoba kunye nomhlobo walo bephuma kwindawo yokuphumla yasekuhlaleni kwindawo yaseJoza, eMakhanda.
Kwenzeke ingxabano phakathi kwabo xa wayefuna ukuthetha nexhoba nangona lingavumi kulapho isihlobo sexhoba sangenelela, yaphela ingxabano uNgcinci egibisele ixhoba ngotywala.
Akwaziwa ukuba waya phi emva koko; ummangali nabahlobo bakhe bema kufutshane ixeshana elifutshane bencokola phambi kokuba bachithakale bagoduka.
Ekufikeni kwalo endlini ixhoba, lafumana uNgcinci ebhedini yakhe exhobe ngemela, ngoko nangoko wambamba waza wamsongela ngokumbulala ukuba uyaxhathisa okanye enze ingxolo. Waqhubeka nokumdlwengula, emva koko wathi makaphume naye ngezithuba zentsimbi yesihlanu (5) ekuseni, ukuze abantu bacinge ukuba balele ngokuvumelana. Lavuma ixhoba lisoyikisela ubomi balo kodwa ixhoba lathi lingekaphumi eyadini lajika labaleka lisiya kwindlu ka bhuti walo libika okwenzekileyo. UNgcinci uqhubekile waphuma wabaleka.
Ukanti waleqwa ngu bhuti wexhoba waza wabanjwa, kodwa wakwazi ukuphuncuka ezandleni zakhe. Emva kokuleqwa kwakhona, wakhupha imela, wamgrogrisa ngokumhlaba wabaleka.
Ingxelo zithi wabanjwa kwangalo mini emva kokuba eyalelwe ngumama wakhe ukuba azinikele emapoliseni emva kokuba ummangali nomntakwabo beye kowabo.
Ngexesha lokuchotshelwa kwetyala, uNgcinci waliphika ityala, esithi babelana ngesondo ngemvumelwano kwaye bayathandana. Nangona kunjalo, ngethuba ephekwa ngemibuzo ngumtshutshisi uKhwezikazi Makonti, watshintsha intetho wathi ummangali wafuna imali kuye emva kokwabelana ngesondo, kodwa akakhange ayifumane espajini sakhe warhanela ukuba ibiwe lixhoba, kodwa akakwazanga ukuxelela inkundla ukuba kutheni engazange alivule ityala lobusela.
Esamkela esi sigwebo, uMlawuli wezotshutshiso eMpuma Kapa uBarry Madolo uncome umtshutshisi ngokuqinisekisa ukuba ubulungisa bufezekisiwe, kwaye isikrelemnqa esinobundlobongela sivalelwe.
