Yindoda eneminyaka engamashumi amahlanu enesithathu(53) ubudala ebanjiweyo ngamapolisa aseNgqushwa emvakokuba ibihlukumeza umtwana wayo.
Ngokwengxelo yamapolisa, lendoda ibihlala nalenkwenkwana iminyaka isibhozo(8) ubudala kwikhaya likatata wayo kunye nabazali bakayise. Kuvakala ukuba lendoda ibihleli nje iyamhlukumeza lomtwana kwaye imdlwengula. Ngamanye amaxesha imbetha ithi yakugqiba imbophelele nge(chainer). Abahlali bengqingqi yaseMgababa bavusww ngumtwana ofuke ekruqa ikhonkco elineqhanga esithi ubaleke ekhaya apho ebebotshelelwe khona kwaye evalelwe kwigumbi isithuba sentsuku ezingephi.
Abahlali bakhawuleze ngoko nangoko bayibika lemeko emapoliseni nakwitsha-ntliziyo uPetros Majola weKhula Development Projects.
Sithetha nje lendoda iye yazama ukubaleka kodwa ngelishwa layo yabanjwa. Kulindeleke ukuba ivele enkundleli yamatyala yaseNgqushwa ngomhla we (6 June 2023) ukuze iziphendulele kwimikhuba eyenze emtwaneni.
UPetros Majola, ubhale incwadi encinci ebonakalisa ukudana kwakhe kwesisehlo kwaye esithi uMakhulu wexhoba bekumele ukuba uyaphendula emthethweni ngokungayibiki lemeko yontwana nokuhlukumezeka kwakhe nguyise omzeleyo.
