By Anita Qubula
Amapolisa aseMpuma Kapa athi indoda eneminyaka engamashumi amahlanu (50) ubudala izakuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseMaXesibeni namhlanje malunga nesiganeko sokudubula ibulale amalungu osapho amabini aneminyaka elishumi elinesithandathu (16) kunye namashumi amathathu anesithathu (33).
Isithethi samapolisa uLieutenant-Colonel Siphokazi Mawisa, uthi abanye abantu abane abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini (20) ukuya kwamashumi amahlanu anesixhenxe (57) ubudala nabo badutyulwe bonzakala kwaye bakwimeko emaxongo esibhedlele.
Uthe esi sehlo senzeke kwindawo yaseMkhambathini ngaphandle kwaseMaxesibeni ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesixhenxe (17) xa imigulukudu emine (4) ibinxibe into zofihla ubuso bevulela ngeembumbulu kumakhaya amabini.
UMawisa uthi aba bantu babini, inkwenkwe nebhinqa, babulewe, ngelixa abanye bonzakele kwindlu yesibini. Uthi umrhanelwa ubanjwe ngoMgqibelo ejongene namatyala amabini okubulala namane okuzama ukubulala.
Amapolisa asajonge abanye abarhanelwa abathathu kwaye nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubanjweni makaqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane okanye atsalele inombolo yeSAPS CrimeStop 08600 10111.
