I-ICASA Igunyazise Ukudluliselwa kwe xesha kwe Data engaphelanga (data rollover) ingasetyenziswa iphelele.
I-Independent Communications Authority of South Africa (ICASA) iqalise imithetho emitsha efuna ukuba abavelisi benethiwekhi yeselula badlulisele ixesha idata ehlawulelweyo ze ayasdbenza yaphela ze idlulele ukuya kwinyanga elandelayo ngaphandle kweendleko ezongezelelweyo kubathengi.
Le mithetho, engazibandakanyiyo iiData ezingaphantsi kweentsuku ezisixhenxe, ikwavumela ababhalisileyo ngokusemthethweni ukuba badlulisele idatha engasetyenziswanga kwabanye abasebenzisi kwinethiwekhi efanayo, eli nyathelo elijolise ekuqiniseni ukhuseleko lwabathengi kunye nokunciphisa ilahleko echithakalayo. I-ICASA ichaze olu tshintsho njengenyathelo elikhulu eliya phambili kumalungelo abathengi, nangona kukho ukuchaswa okuvela kwiindawo ezithile zoshishino lonxibelelwano.
USihlalo weKomiti yePotifoliyo yePalamente yezoNxibelelwano kunye neeTekhnoloji zeDijithali, uNksz Khusela Sangoni-Diko, uyamkele le mithetho, eyibiza njengenyathelo elibalulekileyo kumlo wokunciphisa iindleko zokuphila kubemi baseMzantsi Afrika. Uqaphele ukuba izilungiso ziphendula kwiinkxalabo zoluntu ezidala malunga nokulahleka kwedatha ehlawulelwayo kwaye waqinisekisa kwakhona ukuzibophelela kwekomiti ekujongeni ngokuqinileyo ukuqinisekisa ukuthotyelwa ngokupheleleyo.
“Olu hlaziyo lomthetho lujongana neenkxalabo zabathengi abaqhubeka nokulahlekelwa lixabiso kwiinkonzo abasele bezihlawulele,” utshilo uNksz Sangoni-Diko, ngelixa evuma ixesha lotshintsho elinikwe abavelisi be-Network ngaphambi kokuba liqaliswe ngomhla we-23 kuJanuwari 2027.
I-Economic Freedom Fighters (EFF), ebisoloko iphambili ekukhsnkaseleni amaxabiso edatha aphantsi, ikwancome olu hlengahlengiso, iluchaza njengoloyiso olugqibeleleyo kwezopolitiko olufunyenwe ngoxinzelelo oluqhubekayo kunye nokubandakanyeka kwepalamente.
“Olu phuhliso lukhusela ilungelo lomgaqo-siseko labemi baseMzantsi Afrika, ingakumbi amahlwempu, ulutsha, abantu abangasebenziyo, kunye noluntu lwasemaphandleni, lokufikelela kulwazi ngaphandle kokuxhatshazwa ngokuphelelwa kweenkonzo ezihlawulelwayo ngokungafanelekanga,” utshilo iqela.

