24.1 C
King William's Town
Wednesday, November 5, 2025

Izenzo zika-Operation Dudula zichazwe njengezingekho semthethweni kwaye ziveza ukuthiywa kwabemi bangaphandle.

By Nyameka Lamani

Kwisigwebo esikhutshwe yiNkundla ePhakamileyo yaseRhawutini izolo umhla wesine(04)kweyeDwarha ithi u-Operation Dudula akanalungelo okanye amandla okuthintela abemi bangaphandle abangabhaliswanga ekufikeleleni kunyango kunye nezikolo.Oku kulandela ityala eliziswe liziko lezoQoqosho loMzantsi Afrika iSERI(Socio-Economic Rights Institute of South Africa).

Inkundla ifumanise ukuba izenzo zika Operation Dudula ziquka ukuhlukumeza, ukugrogrisa, kunye nokuhlasela abemi bangaphandle.Isigqibo sichaza ukuba izenzo zika-Operation Dudula azikho mthethweni kwaye ziveza ukuthiywa kwabemi bangaphandle. Ngenxa yoko, abavumelekanga ukuba bavale ukufikelela kwiikliniki nasezikolweni.

Umlawuli wamatyala eSERI, uNkosinathi Sithole, uvakalise ukubaluleka kwesi sigwebo nakuMgaqo-siseko woMzantsi Afrika. Uchaze ukuziphatha kuka-Operation Dudula,ukuthintela ukufikelela kwiinkonzo ezibalulekileyo kunye nokunyanzeliswa kwabantu babonise izazisi zabo, njengolwaphulo-mthetho kwaye ngoku akukho mthethweni.

USithole uyibethelele into yokuba abomthetho badinga ukugqogqa ngokufanelekileyo okanye babene zigunyaziso zokubamba ukuze bagqogqe amakhaya kwaye kufuneka babe nesikrokro esibambekayo phambi kokuba babuze umntu ngobume bakhe esidlangalaleni.

Amalungu ombutho i-Operation Dudula ngaphandle kwenkundla adize ukuba azakusigcina isimo sawo kwaye aqhubeke nemisebenzi yawo ezitalatweni, ecebisa ngelithi baceba ukungasihoyi isigqibo senkundla.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.1 ° C
24.1 °
24.1 °
43 %
4.4kmh
8 %
Wed
24 °
Thu
15 °
Fri
23 °
Sat
31 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks