Home Iindaba Konzakele abantu ababini (2) kwingozi ebandakanya iimoto ezintathu (3) kuhola wendlela uN2...

Konzakele abantu ababini (2) kwingozi ebandakanya iimoto ezintathu (3) kuhola wendlela uN2 ngaseNtabozuko eyaziwa ngeBerlin.

Konzakele abantu ababini (2) kwingozi ebandakanya iimoto ezintathu (3) kuhola wendlela uN2 ngaseNtabozuko eyaziwa ngeBerlin.

Kutyholwa ukuba iveni esisithuthi sempahla ingene ngasemva kwimoto eluhobo lweSedan ingaboni kakuhle ngenxa yomlilo odale umsi kwindlela u-N2 ngaseNtabozuko (Berlin) phakathi kweMonti kunye neQonce.

Kwingozi yesibini, enye iveni iye yantlitheka ngasemva kwisithuthi sempahla.

Amaqela ogcino lomthetho kunye namaqela ohlangulo akwindawo yexhwayelo ephendula ukuba indlela ivaliwe okwethutyana kwizithuthi.

Abaqhubi beenqwelo-mafutha baqhutyelwa kwindlela u-R102 okwangoku.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks