Ngomhlwa wesibhozo (08) kuCanzibe 2025, iphulo lobuNtlola liye lakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ababini abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) namashumi amathathu anesihlanu (35) eMonti ngezityholo zobusela, ukuxhwila izithuthi, ukuqhekeza izindlu kunye nokuphanga izithuthi ezithutha imali.
Kwiinzame zokulwa ulwaphulo-mthetho, amalungu asebenza kubuNtlola boLwaphulo-mthetho neYunithi eKhethekileyo aye alandela umkhondo ngabarhanelwa abatyholwa ngokubandakanyeka kuphango lwezithuthi zemali, ukuqhekeza izindlu nokuxhwilwa kwezithuthi eMpuma Kapa jikelele, eNtshona Kapa kunye naKwaZulu-Natal.
Ngokwengxelo yolwazi olufunyenweyo, kukwatyholwa ukuba aba barhanelwa babamba iintlangano kwenye indawo yoshishino eMonti. Amapolisa aye achonga enye yezithuthi zabo (Toyota Starlet) e-Amalinda, athe xa eyisetsha, afumanisa ukuba esi sithuthi saxelwa ngesibiweyo eKhayelitsha ngenyanga yeSilimela 2024. Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (342) uye wabanjwa ngoko nangoko.
Ukuphando olunzulu lubuye neziphumo zokubanjwa komrhanlwa wesibini oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) emveni kokuba efunyenwe nesithuthi esibiweyo (Toyota Verso) esa sixelwe ngesibiweyo e-Muizenberg ngenyanga yoMdumba 2025. Kuye kwafunyanwa kwakhona ezinye ezimbini izithuthi (VW Polo and Nissan NP200) nazo eza zixelwe ngokuba zibiwe e-Berea nase-Rondebosch ngonyaka ka-2023 no-2024.
Zonke ezi zithuthi ziye zathathwa ngamapolisa. Xa bekusetshwa ezi zithuthi kwafunyanwa iimbumbulu kunye nompu wethoyi.
Esi sibini sizakuvela eNkundleni kaMantyi eMonti namhlanje, umhla wethoba (09) kuCanzibe 2025.
