By Nyameka Lamani.
Phakathi komhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kunye nowamashumi amathathu ananye (31) kweyeThupha 2025, amapolisa aseMpuma Koloni aqhube imisebenzi engamashumi amathandathu ananye (61) oxinaniso, esasaza abasebenzi abangama-14 929 kumanyathelo angama-89 693 athe athatyathwa ukujolisa ekwandeni kwemipu engekho mthethweni, uthintelo lokubulala nezinye izenzo zolwaphulo-mthetho oluqatha.
Bebonke bangama-953 abarhanelwa abathe babanjwa, kwaze kwathathwa imipu engena phepha-mvume engamashumi amabini anesithathu (23) ngethuba lale ntshukumo.
Imisebenzi eyenziweyo ibandakanya ukujongwa kwezithuthi (627), ukuvalwa kwendlela (30), ukukhangelwa kwabarhanelwa abafunwayo (229), ukuhlolwa kweevenkile zeSpaza (683).
Abantu aba banjiweyo babanjwe phantsi kolwaphulo olulandelayo: ukuchaswa koMthetho woLawulo lweMipu (35), ukuba nemipu ngaphandle kwephepha mvume (24), ukusebenza ngeziyobisi (44), ukuthengisa utywala ngokungekho mthethweni (50), ukuchaswa kwe-2nd hand Goods Act (20), ukuba neziyobisi ezingekho mthethweni (141), ukubulala (19), udlwengulo (9), uhlaselo ngenjongo yokwenzakalisa umzimba (199), uhlaselo oluqhelekileyo (98), ukuqhuba unxilile (101).
UMkomishinala obambeleyo wePhondo, uNjengele uThandiswa Kupiso, ubancomile abasebenzi bakhe ngomsebenzi wabo omhle.
“Ngelinge lokunyathela igunya likarhulumente, siyaqhubeka nemisebenzi yoxinaniso oluphezulu kunye nezinye izenzo, sijolise ngokukodwa kwizithili ezishushu zeli phondo,” wongeze watsho uMajor General Kupiso.
