Home Iindaba Kubanjwe indoda ibizenza uGqirha, eMthatha.

    Kubanjwe indoda ibizenza uGqirha, eMthatha.

    INdoda ibizenza uGqirha ibanjiwe kwisiBhedlele i-Nelson Mandela Academic Hospital Mthatha izolo.

    Ifoto: Facebook

    By Asemahle Mbete.

    Le ndoda ivalelwe nguNogada wesiBhedlele emva kokuba iye yasolwa nguMongikazi othi wayibona kumakhasi onxibelelwano izenza umfundisi-ntsapho ngaphambili. Umkhohlisi wabonwa kwiWadi ye-ENT kwaye wavalelwa kwangoko. Ebenxibe iDyasi emhlophe kwaye enxibe ne-Stethoscopes ezimbini entanyeni yakhe.

    Lo msolwa uye ke wangena kumawadi kwiNqanaba lesi-5 phambi kokuba abanjwe. Kuye kwabizwa amapolisa aseMthatha ahamba naye. Khange kubekho zigulana eziye zavavanywa ngulomkhohlisi. ISebe liyakuthakazelela ukukhathala okuboniswe ngabasebenzi ekukhuseleni izigulane zase-NMAH.

    IQela e-NMAH liyelacelwa ukuba lisebenzisane kunye ne-SAPS ukulandelela usapho lwakhe kunye nokuququzelela ukwamkelwa komkhohlisi kwiCandelo labagula ngengqondo ukuze bafumane unyango kunye nokubuyiselwa kwimeko yesiqhelo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks