By Asemahle Mbete.
IPolisa leMpuma Kapa libanjwe emva kwezityholo zokudubula isithandwa salo ngethuba bexabana ngempelaveki.
ISithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana uqinisekisile ngoMvulo ukuba ityala lokubulala liphantsi kophando emva kwesiganeko sodubulwano eDikeni ngeCawe, emva kwentsimbi yesine malanga (16:00).
“Umrhanelwa, olipolisa elibhinqileyo elisebenza kwisikhululo i-Hogsback SAPS, ubekunye nesithandwa sakhe bebuya kumsitho wesintu ngethuba kuqhambuka ingxabano kwindawo ebebehlala kuyo e-Alice (eDikeni),” utshilo uGantana.
“Kutyholwa ukuba ngexesha lengxabano, umrhanelwa uye wakhupha umpu wakhe wadubula, wangxwelerha isithandwa sakhe.
“Umfi ufumene inxeba lokudutyulwa kumzimba ongasentla.” Kwindawo yexhwayelo, amapolisa ohluthe umpu kunye neembumbulu.
Ityala lokubulala lidluliselwe kwiCandelo loPhando lwamaPolisa eliziMeleyo ukuze liphandwe ngakumbi, njengoko kufunwa ngumthetho kumatyala abandakanya amagosa asebupoliseni.
“I-SAPS iyakungqina ukuzibophelela kwayo ekuthobeleni umthetho ngaphandle koloyiko okanye ukukhetha kwaye iqinisekisa uluntu ukuba inkqubo efanelekileyo iza kulandelwa,” utshilo uGantana.
Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseDikeni ngoLwesibini.
