Home Iindaba Kubanjwe izaphuli-mthetho ezingaphaya kwama-800 kwiphondo ngesithuba seveki

Kubanjwe izaphuli-mthetho ezingaphaya kwama-800 kwiphondo ngesithuba seveki

Imisebenzi yeveki ngeeveki yoxinaniso oluphezulu eMpuma Koloni yonyukile njengoko imisebenzi engaphaya kwamaashumi amahlanu anesine amawaka (54 000) eqhutyiwe, okubangele iziphumo ezincumisayo. Bangamakhulu asibhozo aneshumi elinesine (814) abarhanelwa abathe babanjwa kwiveki ephelileyo ngamatyala asusela ekubulaleni ukuya ekufumaneni iziyobisi ezingekho mthethweni.

Kwisithuba esiphakathi komhla weshumi elinesihlanu (15) ukuya kumhla wamahlumi amabini ananye (21) kweyeKhala kulo umiyo, kubekho ukwanda okubonakalayo kwinani lemisebenzi ethe yaqhutywa eMpuma Koloni, imisebenzi engamashumi amahlanu anesine amawaka anamakhulu alithoba namashumi asixhenxe anesibini (54 972) yoxinaniso oluphezulu elishicilelweyo kwiphondo.

Le misebenzi idibeneyo yokulwa ulwaphulo-mthetho yamalungu esipolisa ngoncedo lwezinye ii-arhente zogcino-mthetho kunye namanye amasebe karhulumente afanelekileyo enza imitsi emikhulu ejongene nolwaphulo-mthetho kwizithili ezisibhozo zephondo. Abarhanelwa abalishumi elnesine (14) babanjelwa ukuba nemipu nembumbulu ngaphandle kweemphepha-mvume.

Ukanti ngexesha lokuhlolwa kwemipu, abarhanelwa abangamashumi amane anesibini (42) babekwe ityala lokwaphula uMthetho woLawulo lweMipu.

Kusenjalo balikhulu elinamashumi asibhozo anesithandathu (186) abarhanelwa ababanjelwe ukubetha ngeenjongo zokwenzakalisa, abanye kubo ibizizehlo zobuNdlobongela baseKhaya ezinemiyalelo yokhuseleko. Abantu abangamashumi amathathu anesithandathu (36) babanjelwe ukubulala.

Amapolisa ngoncedo lweSebe lezoThutho aqhube iindawo zokuhlola izithuthi ezingamakhulu amane anamashumi amathathu (430) zizonke, apho ezingamashumi aman (40) bezivale indlela, nto leyo ekhokelele ekubanjweni kwabaqhubi beemoto abangamashumi amahlanu anesihlanu ngenxa yokuqhuba benxilile.

Amapolisa avale iindawo ezithengisa utywala ezilishumi elinesibini (12) ngenxa yokusebenza ngaphandle kweempepha-mvume, ngokuchasene nomthetho iEastern Cape Liquor Act, aphinde athimba iilitha zotywala ezingamakhulu alithoba namashumi amabini anesihlanu (925).

Amapolisa ngoncedo oluvela kwiSebe lezokuLoba, amaHlathi kunye nokusiNgqongileyo akwazile ukukunqanda ukuzingelwa kweembaza kwaye athimba iiyunithi ezingamakhulu asibhozo anamashumi alithoba anesithandathu (896) zeembaza. Amapolisa aphinde abamba abarhanelwa abalikhulu namashumi alithoba anesine (194) kulwaphulo-mthetho olunxulumene neziyobisi, kwaye abangamashumi amane anesibini (42) kubo babanjwe ngenxa yokuthengisa iziyobisi ezingekho mthethweni.

UMkomishinala wePhondo, uNjengele Nomthetheleli Mene, uphinde waphinda wathi nangona kukho imingeni yolwaphulo-mthetho olunenkani kwezinye iindawo zephondo, vaza kuhlala bangaguquguquki kwizenzo zabo ezilungileyo. Esithi Amapolisa azakuhlala ezimisele ukujongana nabaphuli mthetho.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks