Amagosa ezoMthetho kaMasipala weSixeko saseBuffalo City (BCMM), ebambisane namamaPolisa (SAPS), abambe omnye umrhanelwa kwiziganeko ezinxulumene nobusela beentambo ze Copper.
Le ndoda ibanjwe ePontoon Road eMonti ngethuba isomba intambo zombane ze yavalelwa kwisitishi samapolisa saseMonti.
Oku kubeka inani lilonke labarhanelwa ababanjelwe ukuba iintambo kwiBuffalo City Metro ku-10. Ngempelaveki, amagosa omthetho abambe nabasetyhini ababini abanxulumene neqela elirhanelwa ngokweba iintambo eBhisho naseBhalasi.
Ngexesha leliphulo, amagosa afumene iintambo ezingaphezulu kwe-40 yekhilogram, avala indawo yokulahla inkunkuma engekho mthethweni kunye neeshibhini, aze avalela abarhanelwa abalithoba entolongweni ngaphandle kwebheyile.
Amapolisa ayaqhubeka nophando kwaye akhangela abarhanelwa abahlanu abanxulumene neziganeko zobusela beentambo kwiindawo zaseQonce naseBhisho.

