Home Iindaba Kubanjwe umrhanelwa ngesiganeko sokudubula kubulawe umtu eNgqeleni

    Kubanjwe umrhanelwa ngesiganeko sokudubula kubulawe umtu eNgqeleni

    Inkokeli yesintu eneminyaka engama-76 ubudala ibolanjiwe ngamapolisa emva kokuba kudutyulwe kwabulawa umntu, kwaza kwasenzakala abanye ababini eBhantini, eNgqeleni, eMpuma Koloni.

    Ngokweengxelo, aba bantu bathathu bebekwihlathi elikufuphi besenza iinkuni ngexesha esi siganeko senzeka. Umfana oneminyaka engama-22 ubudala udutyulwe wafa kwesi siganeko, ngelixa omnye olixhoba esesibhedlele kwaye ekwimeko emaxongo. Owesithathu yena uchazwa njengosele echacha kakuhle esibhedlele.

    Amapolisa afike kwindawo yesiganeko aze abamba lendoda. Amagosa abuye afumana imipu emibini ebekuphathwe yiyo le nkokeli ngexesha ibanjwa.

    ​Unobangela wolu dubulo usaphicothwa, kwaye amapolisa akakazikhuphi iinkcukacha ezipheleleyo malunga nento ekhokelele kwesi siganeko.

    ​Lo mntu ubotshiweyo kulindeleke ukuba avele phambi kweNkundla kaMantyi yaseNgqeleni ngomso 26 May 2026, ejongene nezityholo zokubulala kunye nokuzama ukubulala.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks