Abacuphi be-SAPS eWalmer bafuna uncedo olungxamisekileyo kuluntu ekukhangeleni umrhanelwa okanye abarhanelwa ababandakanyeka ekubulaweni kwentwazana eneminyaka elishumi ubudala(10) ekufunyenwe umzimba wayo ngenjikalanga yanamhlanje eAirport Valley eGqeberha.
Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesihlanu()17:00 inkonzo yesipolisa yaseWalmer isabele ikhwelo ngomzimba olele kwindlu eyonakalisweyo kanye e-Airport Valley.
Ekufikeni kwabo, kubhaqwe umzimba womtwana kwaye unamanxeba okutsha abonakalayo emzimbeni wakhe. Umntwana uchongiwe, kodwa nangona kunjalo, ukuba ngubani iyakuchazwa ngokusemthethweni ngexesha elililo. Ngokweenkcukacha ezikhoyo emapoliseni, umtwana ugqibele ukubonwa ngoLwesihlanu umhla we 21/07. kodwa akazange axelwe ukuba ulahlekile.
Isizathu sokubulawa kwakhe asaziwa kwaye uphando lusaqhuba. Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise kuphando okanye ekukhangeleni umrhanelwa ukuba aqhagamshelane noSAPS Walmer ku-041 5094030 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.
