Bathathu abakhwetha abathe babhubha kwizikolo zolwaluko eLimpopo ukusukela oko kuqale ixesha lokwaluka lasebusika.
Ngokweenkcukacha, umkhwetha ubhubhele kwisikolo esikwilali yaseGa-Wale kwingingqi yaseBolobedu ngaphandle jnje kwaseTzaneen.
Abanye ababini babhubhe kwisikolo sokwaluka eGa-Raphahlelo kwingingqi yaseSekgosese.
Amapolisa kunye neziphathamandla zemveli azikaphenduli.
Kusenjalo, indoda enamashumi amathathu anesihlanu eminyaka ubudala ibhubhe izolo emva kokubethwa kungquzulwano phakathi kweqela labaphathi bezikolo zolwaluko kunye nabahlali kwilali i-Itereleng eSekgosese, eLimpopo.
By Anita Qubula.