Home Iindaba Kubhubhe abantu abane (4) kwingozi yemoto kuhola wendlela uR75, eTinarha.

Kubhubhe abantu abane (4) kwingozi yemoto kuhola wendlela uR75, eTinarha.

Bane (4) abantu ababhubhe kwingozi yemoto ebandakanya imoto yohlobo lwe-Sedan kunye neveni kuhola wendlela uR75, eTinarha & nendlela iJohnson.

Bane (4) abantu ababhubhe kwingozi yemoto ebandakanya imoto yohlobo lwe-Sedan kunye neveni kuhola wendlela uR75, eTinarha & nendlela iJohnson.

Le ngozi yenzeke malunga nentsimbi yesithathu (03:00) ngentseni yangeCawe. Imoto yohlobo lweSedan (Opel Corsa) ebinabakhweli abathathu, ingqubene nemoto eluhlobo lweBakhi inomntu omnye.

Bonke abantu abane (4) ababandakanyekayo babhubhele kwindawo yexhwayelo ngoko nangoko.

Umqhubi weBhaki uchongwe njengGqirha Lungisa Excel Nojoko owaziwayo waseGqeberha.

Idokethi lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo samapolisa aseNew Brighton.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks